Imizekeliso 19 XHO75

1 Lilungile ihlwempu elihamba ngengqibelelo yalo,Ngaphezu komlomo ojibilizayo, esisinyabi yena.

2 Kananjalo ukuthi umphefumlo ungabi nakwazi akulungile;Onyawo zingxamileyo uyayiphosa indlela.

3 Ukumatha komntu kuphenula indlela yakhe;Ijalele uYehova intliziyo yakhe.

4 Ukutyeba kongeza izihlobo ezininzi;Ke osweleyo, nesihlobo sakhe siyahlukana naye.

5 Ingqina elixokayo alibi msulwa;Ofutha amanga akasindi.

6 Baninzi abacenga amanene;Yonke into isisihlobo kwindoda ephayo.

7 Bonke abazalwana behlwempu balithiyile;Zibeka phi na izihlobo ukuya kude kulo!Lisukela amazwi angento.

8 Orhweba ubulumko uthanda umphefumlo wakhe;Ogcina ingqondo uya kufumana okulungileyo.

9 Ingqina elixokayo alibi msulwa;Ofutha amanga uyatshabalala.

10 Akusifanele isinyabi ukudla ubuncwane;Kobeka phi na ke ukungamfaneli umkhonzi ukulawula abathetheli!

11 Ingqiqo yomntu imenza azeke kade umsindo;Sisihombo sakhe ukulugqitha ukreqo.

12 Kukugquma kwengonyama entsha ukujala kokumkani;Sinjengombethe emfunweni isisa sakhe.

13 Ngumeyeliselo kuyise unyana osisinyabi;Luqhoqhozo oluxikileyo ingxabano yomfazi.

14 Indlu nobutyebi lilifa looyise;Ke yena umfazi onengqondo uvela kuYehova.

15 Ubuvila buwisela ebuthongweni obukhulu;Umphefumlo odangeleyo uyalamba.

16 Ogciné umthetho ugcine umphefumlo wakhe;Ozidelayo iindlela zakhe uya kufa.

17 Uboleka uYehova obabala isisweli;Umbuyekeza ukuphatha kwakhe okuhle.

18 Mqeqeshe unyana wakho, xa kusekho ithemba;Kodwa ungangxameli kumbulala.

19 Onomsindo omkhulu umelwe kukuhlawula;Kuba xa ùthe wamhlangula, wóba mandundu.

20 Live icebo, ulwamkele uqeqesho,Ukuze ulumke ngexesha elizayo.

21 Zininzi iingcinga entliziyweni yomntu;Noko ke licebo likaYehova eliya kuma.

22 Umnqweno womntu yinceba yakhe;Ke lilungile ihlwempu ngaphezu kwendoda enamanga.

23 Ukoyika uYehova kusa ebomini;Onako uya kuhlala ehluthi.

24 Ivila lisifaké isandla salo esityeni,Alibi sasibuyisela emlonyeni walo.

25 Umbethíle umgxeki, siba nobuqili isiyatha;Umohlwayíle onengqondo, wóqonda azi.

26 Ombhuqayo uyise, omgxothayo unina,Ngunyana owenza okuziintloni, ongcikivayo.

27 Yeka, nyana wam, ukuthi uve uqeqesho,Kanti uya kusuka ulahlekane nentetho yokwazi.

28 Ingqina elilitshijolo ligxeka isiko;Umlomo wongendawo uginya ubutshinga.

29 Izigwebo zilungiselwe abagxeki;Imivumbo ilungiselwe umhlana wesinyabi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31