1 Unyana osisilumko uva uqeqesho lukayise;Ke yena umgxeki akeva kukhalinyelwa.
2 Ngesiqhamo somlomo wayo indoda idla okulungileyo.Ke wona umnqweno wamanginingini kukugonyamela.
3 Obambe umlomo wakhe ugciné umphefumlo wakhe;Owuthé qheke umlomo wakhe, yintshabalalo kuye leyo.
4 Umphefumlo wevila uyanqwena, ungazuzi;Umphefumlo wabakhutheleyo uyatyetyiswa.
5 Ilungisa liyithiyile into ebubuxoki;Yena ongendawo uyanukisa, enze okuziintloni.
6 Ubulungisa bulondoloza ihambo egqibeleleyo;Okungendawo kuyamphenula umoni.
7 Kukho ozenza isityebi, engenayo nento;Kukho ozenza isisweli, enobuncwane obuninzi.
8 Ucamagusho lomphefumlo wendoda bubutyebi bayo;Isisweli asiva kusongelwa.
9 Isikhanyiso samalungisa siyavuya;Ke sona isibane sabangendawo siyacima.
10 Ngokukhukhumala kuvuka ukulwa kuphela;Ubulumko bunabavuma ukucetyiswa.
11 Ubuncwane basebubhedengwini buya kuncipha;Ke yena obutha ngezipha, uyandisa.
12 Ukulindela okubanjezelweyo kubulala intliziyo;Úngumthi wobomi umnqweno ofezekileyo.
13 Odela ilizwi ubanjwa lilo;Owojika umthetho uyavuzwa.
14 Umyalelo wesilumko lithende lobomi,Ukuze kumkiwe ezirhintyelweni zokufa.
15 Ingqiqo entle ibanga ubukholwane;Indlela yamanginingini inzima.
16 Bonke abanobuqili benza ngokwazi;Isinyabi siya kwaneka ukumatha.
17 Umthunywa ongendawo weyela ebubini;Isigidimi esinyanisileyo siyaphilisa.
18 Unobuhlwempu nocukucezo ophulukene noqeqesho;Osigcinileyo isohlwayo uyazukiswa.
19 Umnqweno ofeziweyo unencasa emphefumlweni;Kulisikizi kwisinyabi ukumka ebubini.
20 Ohamba nezilumko uba sisilumko naye;Ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.
21 Aboni basukelwa bububi;Ke wona amalungisa ayavuzwa kokulungileyo.
22 Olungileyo ushiya ilifa kubazukulwana bakhe;Ubutyebi bomoni buqwetyelwe ilungisa.
23 Umkhubelo wamahlwempu unokudla okuninzi;Kukho ophetshethwa kukungabi nabulungisa.
24 Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe;Ke omthandayo umqeqesha esemncinane.
25 Ilungisa lidla ukuba kuhluthe umphefumlo walo;Ke sona isisu sabangendawo siyalamba.