Imizekeliso 12 XHO75

1 Úthanda uqeqesho othanda ukwazi;Úthiya isohlwayo osisityhakala.

2 Olungileyo uyamkeleka kuYehova;Indoda enamayelenqe uyifumana inetyala.

3 Akuzimaseki mntu, enokungendawo;Ke yona ingcambu yamalungisa ayishukunyiswa.

4 Umfazi onesidima usisithsaba endodeni yakhe;Owenza okuziintloni unjengempehla emathanjeni ayo.

5 Iingcinga zamalungisa zisesikweni;Amacebo abangendawo yinkohliso.

6 Amazwi abangendawo ngawokulalela igazi;Umlomo wabathe tye uyabahlangula.

7 Bakuba bebhukuqiwe abangendawo, ababikho;Indlu yamalungisa iyema.

8 Indoda idunyiswa ngokwengqiqo yayo,Entliziyo igwenxa iba ngodelekileyo.

9 Ulungile ophantsi enesicaka,Ngaphezu kozizukisayo eswele ukudla.

10 Ilungisa liyawazalelela umphefumlo wenkomo yalo;Iimfesane zabangendawo zibubujorha.

11 Owusebenzayo umhlaba wakhe uhlútha kukudla;Osukelana nento engento uswele intliziyo.

12 Ongendawo ukhanuka okuzingelwa ngabanobubi;Ingcambu yamalungisa iyanika.

13 Ekuphosiseni komlomo kukho isirhintyelo esinobubi;Ke lona ilungisa liyaphuma embandezelweni.

14 Ngesiqhamo somlomo wayo indoda iyahlútha kokulungileyo,Nempatho yezandla zomntu ibuyela kuye.

15 Indlela yesimathane ithe tye kwawaso amehlo;Ophulaphula ukucetyiswa usisilumko.

16 Isimathane sikwazisa kwangaloo mini ukuqumba kwaso;Ke yena onobuqili uyakugubungela ukucukucezwa.

17 Ophefumla inyaniso uxela ubulungisa;Ingqina elixokayo lixela inkohliso.

18 Kukho ophololoza njengokuhlaba kwekrele;Ke lona ulwimi lwezilumko luyaphilisa.

19 Umlomo wenyaniso uzimasekile kwaphela;Ke lona ulwimi oluxokayo lolwephanyazo.

20 Inkohliso isentliziyweni yabayila ububi;Ke bona abacebi boxolo bayabuyisa.

21 Ilungisa aliqubisani nobubi;Ke bona abangendawo bazele yinkxwaleko.

22 Ùngamasikizi kuYehova umlomo oxokayo;Abenza inyaniso ukholisiwe ngabo.

23 Umntu onobuqili uyakugubungela ukwazi;Intliziyo yesinyabi ivakalisa ukumatha.

24 Isandla sabakhutheleyo siyalawula;Ukudangala kufakwa uviko.

25 Isithukuthezi esisentliziyweni yendoda siyenza igobe;Liyayivuyisa ilizwi elihle.

26 Ilungisa lingumkhokeli kuwalo;Indlela yabangendawo iyabandwendwisa.

27 Odangeleyo akayibhulisi inyamakazi yakhe;Ke ubuncwane obunqabileyo bomntu kukukhuthala.

28 Busemendweni wobulungisa ubomi;Ukuyinyathela indlela yabo kukungafi.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31