Imizekeliso 7 XHO75

1 Nyana wam, gcina intetho yam,Uyiqwebele kuwe imithetho yam.

2 Gcina imithetho yam, udle ubomi;Nesiyalo sam, njengokhozo lweliso lakho.

3 Yibophe eminweni yakho,Yibhale emacwecweni entliziyo yakho.

4 Yithi kubulumko, Ùngudade wethu;Uthi, Ingqondo sisihlobo;

5 Ukuze ugcinwe kumkamntu,Kowolunye uhlanga, ontetho igudileyo.

6 Kuba ngefestile yendlu yam,Ndíngasemva kwenqwanqwa, ndalunguza;

7 Ndabona phakathi kweziyatha,Ndaqonda phakathi kwamadodana,Umfana oswele intliziyo;

8 Ehambahamba esesitratweni, kufuphi nekhumbi lendlu yomkamntu,Enyathela ngendlela ngasendlwini yakhe;

9 Ngongcwalazi, ukumka komhla,Naphakathi kobusuku esithokothokweni.

10 Nanko umfazi emkhawulela,Enengubo yehenyukazi, enentliziyo enobuqhetseba.

11 Úyaphithizela, uyinjubaqa;Azihlali endlwini yakhe iinyawo zakhe.

12 Uthi ephandle, abe esezitratweni,Alale kufuphi neembombo zonke.

13 Wambamba ke, wamanga,Wayingwanyalala ubuso; wathi kuye,

14 Imibingelelo yoxolo ibiphezu kwam,Namhla ndizizalisile izibhambathiso zam.

15 Ngenxa yoko ndiphumé ndeza kukukhawulela,Ndihle ndakufuna ubuso bakho; ndikufumene ke.

16 Umandlalo wam ndiwandlele ngemiqamelo,Ngeengubo ezimfakamfele zoluko lwaseYiputa;

17 Ndisifefé isilili samNgemore,* nehaloti,* nesinamon.*

18 Yize ke sizikholise ngezincokoliso kude kuse,Sizidlamkise ngothando.

19 Kuba indoda ayikho ekhaya,Ihambé uhambo olude;

20 Iphethe ingxowa yemali;Yobuya ngosuku lokuhlangana kwenyanga ukuza ekhaya.

21 Wamthi gu bucala ngobuninzi bobuciko bakhe,Wamwexula ngokumcenga kwakhe.

22 Wamlandela ke ngesiquphe,Njengenkomo isiya ekuxhelweni,Njengesimathane sisiya kuqinwa ngamakhamandela,

23 Njengentaka ikhawulezela esibatheni;Ingazi ukuba oko kuyingozi kumphefumlo wayo,Lude utolo lusicande isibindi sakhe.

24 Ke ngoko, bonyana, ndiphulaphuleni,Niyibazele indlebe intetho yomlomo wam.

25 Intliziyo yakho mayinganxaxheli ezindleleni zakhe,Ungandwendweli emendweni wakhe.

26 Kuba zininzi iingxwelerha aziwisileyo;Linani elikhulu alibuleleyo.

27 Iziindlela zelabafileyo indlu yakhe,Zihla ziye ezingontsini zokufa.

kwizahluko

1 2 3 4 5 6 7 8 9 10 11 12 13 14 15 16 17 18 19 20 21 22 23 24 25 26 27 28 29 30 31