1 Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;Ke unyana osisiyatha usisingqala sonina.
2 Ubuncwane bokungendawo abunyusi;Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni.
3 UYehova akawuyeki ulambe umphefumlo welungisa;Ke imbimbithelo yabangendawo uyayisunduza.
4 Úba lihlwempu osebenza ngesandla esidangeleyo;Ke sona isandla sabakhutheleyo siyatyebisa.
5 Obutha ehlotyeni ngunyana onengqiqo;Owozela ngexa lokuvuna ngunyana odanisayo.
6 Ziintsikelelo entlokweni yelungisa;Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.
7 Ukukhunjulwa kwelungisa kuhleli kunentsikelelo;Igama labangendawo liba livithi.
8 Ontliziyo ilumkileyo uyayamkela imithetho;Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.
9 Ohamba ngengqibelelo uhamba ngenkoloseko;Ke yena ojibilizayo ngeendlela zakhe uyaziwa.
10 Otyanda ngoshiyi ubanga imbulaleko;Omlomo ufumana uthethe ukhahleleka phantsi.
11 Lithende lobomi umlomo welungisa;Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.
12 Intiyo ixhokonxa ingxabano;Uthando lugubungela zonke izono.
13 Ubulumko bufumaneka emlonyeni wonengqondo;Intonga yeyomhlana woswele intliziyo.
14 Izilumko ziya kuqhusheka ukwazi,Ke wona umlomo wesimathane yintshabalalo ekwalapha ukusondela.
15 Ubuncwane besityebi ngumzi waso oliqele;Iintshabalalo yabasweleyo bubuhlwempu babo.
16 Umvuzo welungisa usingisa ebomini;Ungeniselo longendawo lusingisa esonweni.
17 Umendo osa ebomini kukugcina uqeqesho;Olahla isohlwayo uyandwendwa.
18 Oyifihlayo intiyo ungumlomo wexoki;Ohambisa intlebendwane usisidenge.
19 Ebuninzini bamazwi akusweleki sono;Owubambayo umlomo wakhe unengqiqo.
20 Yisilivere enyuliweyo ulwimi lwelungisa;Intliziyo yabangendawo yintwana engeyakonto.
21 Umlomo welungisa udlisa abaninzi;Izimathane zifa ngokuswela intliziyo.
22 Intsikelelo kaYehova, yiyo etyebisayo,Imbulaleko àyongezi nento kuyo.
23 Ukwenza amanyala kunjengokudlala kwisidenge;Ubulumko bunjengokudlala, kwindoda enengqondo.
24 Into anxunguphala yiyo ongendawo, yiyo emfikelayo;Akunqwenelayo amalungisa aya kunikwa.
25 Kwakugqitha isaqhwithi, akabikho ongendawo;Ke lona ilungisa luseko lwaphakade.
26 Njengeviniga emazinyweni, njengomsi emehlweni,Linjalo ivila kwabalithumayo.
27 Ukoyika uYehova kongeza imihla;Ke yona iminyaka yabangendawo iyanqanyulwa.
28 Ukulinda kwamalungisa luvuyo;Ithemba labangendawo liyadaka.
29 Iyinqaba yabagqibeleleyo indlela kaYehova;Yintshabalalo kubasebenzi bobutshinga.
30 Ilungisa alishukunyiswa naphakade;Ke bona abangendawo abalihlali ilizwe.
31 Umlomo welungisa umila ubulumko;Ulwimi lwempenduka luyanqanyulwa.
32 Imilebe yomlomo welungisa iyakwazi okwamkelekileyo;Umlomo wabangendawo uyimpenduka.