1 Unyana olumkileyo uyamvuyisa uyise;Ke unyana osisiyatha usisingqala sonina.
2 Ubuncwane bokungendawo abunyusi;Ke bona ubulungisa buhlangula ekufeni.
3 UYehova akawuyeki ulambe umphefumlo welungisa;Ke imbimbithelo yabangendawo uyayisunduza.
4 Úba lihlwempu osebenza ngesandla esidangeleyo;Ke sona isandla sabakhutheleyo siyatyebisa.
5 Obutha ehlotyeni ngunyana onengqiqo;Owozela ngexa lokuvuna ngunyana odanisayo.
6 Ziintsikelelo entlokweni yelungisa;Ke wona umlomo wabangendawo ugubungela ugonyamelo.