15 Kubi kakhulu komele omnye;Ke yena okuthiyayo ukumela omnye ukholosile.
16 Umfazi osimilo silungileyo uzizekela uzuko;Abanobungqwangangqwili bazizekela ubutyebi.
17 Uwuphethe kakuhle umphefumlo wakhe umtu onenceba;Isijorha siyihlisele ishwangusha inyama yaso.
18 Ongendawo usebenzela umvuzo oyinkohliso;Ke yena ohlwayela ubulungisa unomvuzo oyinyaniso.
19 Ubulungisa obububo busingisa ebomini;Ophuthuma ububi usingisa ekuzibulaleni kwakhe.
20 Ngamasikizi kuYehova abantliziyo zijibilizayo;Ukholwa ngabo bandlela zigqibeleleyo.
21 Ukakade onobubi akabi msulwa;Ke yona imbewu yamalungisa iyasínda.