18 Ongendawo usebenzela umvuzo oyinkohliso;Ke yena ohlwayela ubulungisa unomvuzo oyinyaniso.
19 Ubulungisa obububo busingisa ebomini;Ophuthuma ububi usingisa ekuzibulaleni kwakhe.
20 Ngamasikizi kuYehova abantliziyo zijibilizayo;Ukholwa ngabo bandlela zigqibeleleyo.
21 Ukakade onobubi akabi msulwa;Ke yona imbewu yamalungisa iyasínda.
22 Likhonkco legolide ethatheni lehaguInzwakazi eswele izimvo.
23 Umnqweno wamalungisa yinto elungileyo yodwa;Ithemba labangendawo kukuphuphuma nje komsindo.
24 Kukho ohlakazayo, aye esanda ngokwanda;Kukho nozinqandayo kokumfaneleyo, oko kube yintswelo yodwa.