24 Kukho ohlakazayo, aye esanda ngokwanda;Kukho nozinqandayo kokumfaneleyo, oko kube yintswelo yodwa.
25 Umphefumlo osikelelayo uyatyetyiswa;Oseza ahluthise abanye, uyasezwa ahluthe naye.
26 Omangala nengqolowa, luyamqalekisa uluntu;Intsikelelo isentlokweni yothengisa ngayo.
27 Ozondelele okulungileyo ufuna okwamkelekileyo;Ongxamele ububi, buya kumfikela.
28 Okholosa ngobutyebi bakhe uya kuwa yena;Ke amalungisa aya kuhluma njengamagqabi.
29 Ogxugxisa indlu yakhe uya kudla ilifa elingumoya;Isimathane soba ngumkhonzi kontliziyo ilumkileyo.
30 Isiqhamo selungisa ngumthi wobomi;Umbambisi wemiphefumlo sisilumko.