11 Elabafileyo nenzonzobila ziphambi koYehova;Zibeké phi na ke iintliziyo zoonyana babantu!
12 Umgxeki akakuthandi ukohlwaywa kwakhe,Akayi kwizilumko.
13 Intliziyo evuyileyo iyabuchwayithisa ubuso;Ekubulalekeni kwentliziyo umoya uthi dakumba.
14 Intliziyo enengqondo ifuna ukwazi;Umlomo wesinyabi usukelana nokumatha.
15 Yonke imihla yosizana mibi;Intliziyo echwayithileyo inesidlo ngamaxesha onke.
16 Ilungile intwana encinane kunye nokoyika uYehova,Ngaphezu kwendyebo eninzi kunye nokuxhalaba.
17 Ulungile umxhesho womfuno kunye nothando,Ngaphezu kwenkomo etyetyisiweyo kunye nentiyo.