13 Intliziyo evuyileyo iyabuchwayithisa ubuso;Ekubulalekeni kwentliziyo umoya uthi dakumba.
14 Intliziyo enengqondo ifuna ukwazi;Umlomo wesinyabi usukelana nokumatha.
15 Yonke imihla yosizana mibi;Intliziyo echwayithileyo inesidlo ngamaxesha onke.
16 Ilungile intwana encinane kunye nokoyika uYehova,Ngaphezu kwendyebo eninzi kunye nokuxhalaba.
17 Ulungile umxhesho womfuno kunye nothando,Ngaphezu kwenkomo etyetyisiweyo kunye nentiyo.
18 Indoda enobushushu ixhaya ingxabano;Ezeka kade umsindo idambisa imbambano.
19 Indlela yevila ngathi ibiyelwe ngemitholo;Ke umendo wabathe tye ubekelelwe.