2 Zonke iindlela zendoda ziqaqambile kwawayo amehlo;Ke yena umlinganisi womoya nguYehova.
3 Qengqela kuYehova izenzo zakho,Zizimasèke iingcinga zakho.
4 Zonke izinto uYehova uzenzele intsingiselo yakhe,Kwanongendawo umenzéle imini yobubi.
5 Balisikizi kuYehova bonke abantliziyo izidlayo;Kakade ke, ababi msulwa.
6 Ngenceba nenyaniso buyacanyagushelwa ubugwenxa;Ngokoyika uYehova umntu uyatyeka ebubini.
7 Ekukholisweni kukaYehova ziindlela zendoda,Uyixolelanisa neentshaba zayo nayo.
8 Ilungile intwana encinane enobulungisa,Ngaphezu kolungiselo oluninzi olukunye nokungesesikweni.