22 Lithende lobomi ingqiqo kumniniyo;Ke lona uqeqesho lwezimathane kukumatha kwazo.
23 Intliziyo yesilumko iyawuqiqisa umlomo waso,Yongeze imfundiso emilebeni yomlomo waso.
24 Linqatha lobusi amazwi amnandi,Ayincasa emphefumlweni, ayimpiliso emathanjeni.
25 Kukho indlela ethe tye phambi komntu,Ukanti ukuphela kwayo ziindlela zokufa.
26 Ukulamba komxelengi kuyamxelengela,Ngokuba umlomo wakhe uyamqhuba.
27 Umntu olitshijolo umba ububi:Emlonyeni wakhe ngathi ngumlilo otshisayo.
28 Indoda ephendukayo ingenisa ingxabano;Nentlebi yahlula amakholwane.