18 Iingcinga zizinyaswa yingcebiswano;Yilwa imfazwe unecebo elilungileyo.
19 Ohamba ehleba uhlakaza ucweyo;Ungàdibani nepholopholo.
20 Otshabhisa uyise nonina,Isibane sakhe sicima ebumnyameni phakathi.
21 Ilifa elizuzwe buphuthuphuthu ekuqaleni,Ukuphela kwalo akunantsikelelo.
22 Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi;Thembela kuYehova, wókusindisa.
23 Ngamasikizi kuYehova amatye ngamatye;*Nesikali* esikhohlisayo asilungile.
24 Kuvela kuYehova ukunyathela kwendoda;Umntu angáthini na ukuyiqonda indlela yakhe?