21 Ilifa elizuzwe buphuthuphuthu ekuqaleni,Ukuphela kwalo akunantsikelelo.
22 Musa ukuthi, Ndiya kubuphindezela ububi;Thembela kuYehova, wókusindisa.
23 Ngamasikizi kuYehova amatye ngamatye;*Nesikali* esikhohlisayo asilungile.
24 Kuvela kuYehova ukunyathela kwendoda;Umntu angáthini na ukuyiqonda indlela yakhe?
25 Sisirhintyelo emntwini ukufumana athi, Ingcwele,Aze aqale emva kwesibhambathiso, aphicothe.
26 Uchithachitha abangendawo ukumkani olumkileyo,Aguqulele phezu kwabo umlenze wenqwelo.
27 Sisibane sikaYehova umphefumlo womntu,Siphengulula zonke iingontsi zombilini.