5 Ngamanzi anzulu icebo entliziyweni yendoda,Kanti indoda enengqondo iyalirhola.
6 Uninzi lwesintu luyayihlangabeza indoda enenceba kulo;Ke yona indoda enyanisileyo, ngubani na ongáyifumanayo?
7 Ohamba ngengqibelelo yakhe elilungisa,Hayi, uyolo loonyana bakhe emva kwakhe!
8 Ukumkani, ehleli esihlalweni sokugweba,Uchithachitha ububi bonke ngamehlo akhe.
9 Ngubani na ongáthi, Ndiyiqaqambisile intliziyo yam,Ndihlambulukile esonweni sam?
10 Amatye ngamatye,* iiefa ngee-efa,*Ngamasikizi kuYehova ezo nto zombini.
11 Nenkwenkwe iyazazisisa ngeentlondi zayo,Nokuba kuqaqambile na, nokuba kuthe tye na, ukwenza kwayo.