8 Ukumkani, ehleli esihlalweni sokugweba,Uchithachitha ububi bonke ngamehlo akhe.
9 Ngubani na ongáthi, Ndiyiqaqambisile intliziyo yam,Ndihlambulukile esonweni sam?
10 Amatye ngamatye,* iiefa ngee-efa,*Ngamasikizi kuYehova ezo nto zombini.
11 Nenkwenkwe iyazazisisa ngeentlondi zayo,Nokuba kuqaqambile na, nokuba kuthe tye na, ukwenza kwayo.
12 Indlebe evayo, neliso elibonayo,UYehova uzenzile ezo zinto zombini.
13 Musa ukuthanda ubuthongo, hleze uhlwempuzeke;Vula amehlo akho, uhluthe kukudla.
14 Imbi, imbi! utsho othengayo;Emke, andule aqhayise.