1 Yimijelo yamanzi intliziyo yokumkani esandleni sikaYehova;Uyibhekisa apho asukuba ethande khona.
2 Zonke iindlela zendoda zithe tye kwawayo amehlo;Umlinganisi weentliziyo nguYehova.
3 Ukwenza ubulungisa nokusesikweniKunyulekile kuYehova ngaphezu kombingelelo.
4 Ukuqwayinga kwamehlo, nokugungubala kwentliziyo,Kwanokukhubela kwabangendawo, kusisono.
5 Iingcinga zabakhutheleyo zisingisa elungeniselweni lodwa;Konke ukungxama kusingisa entswelweni yodwa.
6-7 Ukuzuza ubuncwane ngolwimi oluxokayoNgumphúnga ophephethekayo wabafuna ukufa.Ukubhuqa kwabangendawo kuyabaqweqwedisa;Ngokuba àbavumi ukwenza okusesikweni.
8 Iligosogoso indlela yendoda enetyala;Ke yena ohlambulukileyo, umsebenzi wakhe uthe tye.