16 Umntu ondwendwayo, emke endleleni yengqiqo,Uya kuhlala esikhungwini sabafileyo.
17 Othanda imigcobo uba yindoda esweleyo;Othanda iwayini neoli akabi sisityebi.
18 Ongendawo lucamagusho ngenxa yelungisa;Inginingini lisesikhundleni sabathe tye.
19 Kulungile ukuhlala ezweni eliyintlango,Kunokuhlala nomfazi onengxabano neengqumbo.
20 Ubuncwane obunqwenelekayo neoli zisekhayeni lesilumko;Ke umntu osisinyabi uyaziginya azigqibe.
21 Ophuthuma ubulungisa nencebaWofumana ubomi nobulungisa nozuko.
22 Isilumko siyaqabela emzini wamagorha,Siyiwise inqaba ekukholoswe ngayo.