19 Kulungile ukuhlala ezweni eliyintlango,Kunokuhlala nomfazi onengxabano neengqumbo.
20 Ubuncwane obunqwenelekayo neoli zisekhayeni lesilumko;Ke umntu osisinyabi uyaziginya azigqibe.
21 Ophuthuma ubulungisa nencebaWofumana ubomi nobulungisa nozuko.
22 Isilumko siyaqabela emzini wamagorha,Siyiwise inqaba ekukholoswe ngayo.
23 Ogciné umlomo wakhe nolwimi lwakheUgcina umphefumlo wakhe ezingxingongweni.
24 Umkhukhumali oligagadele, ngumgxeki igama lakhe;Ngowenza ngokukhukhumala okuphuphumayo.
25 Umnqweno wevila uyalibulala,Kuba izandla zalo azivumi kusebenza.