1 Igama elilungileyo linokunyulwa ngaphezu kobutyebi obuninzi;Isimilo esilungileyo silunge ngaphezu kwesilivere negolide.
2 Ziyaqubisana izityebi namahlwempu;Umenzi wabo bonke nguYehova.
3 Onobuqili ubona into embi, azifihle;Ke zona iziyatha ziya kugqitha kuyo, zihlawuliswe.
4 Umvuzo wolulamo kukoyika uThixo,Bubutyebi, nozuko, nobomi.
5 Ngameva nezibatha, endleleni yojibilizayo;Ogcine umphefumlo wakhe makadede kuzo.
6 Mfundise umntwana ngendlela efanele umntwana;Naxa athe wamkhulu, akasayi kumka kuyo.
7 Isityebi siya kuwalawula amahlwempu;Nobolekayo ngumkhonzi endodeni embolekayo.