16 Ocudisa isisweli, ukuba andise okwakhe,Nonika isityebi, uhlelwa yintswelo kuphela.
17 Thoba indlebe yakho, uve amazwi ezilumko,Uyibhekise intliziyo yakho ekwazini kwam.
18 Ngokuba kumnandi, xa uthe wawagcina embilinini;Makeme onke ephelele emlonyeni wakho.
19 Ukuze ùkholose ngoYehova,Ndikwazisile namhla wena lo.
20 Andikubhalelanga na iintetho eziyintloko,Ezineengcebiso nokwazi,
21 Ukuze ndikwazise isilinganiselo samazwi enyaniso,Ukuze ubuye kwabakuthumileyo, uze namazwi ayinyaniso?
22 Musa ukusihlutha isisweli ngakuba sisisweli,Ungamtyumzi olusizana esangweni;