13 Sínjengokuphozisa kwekhephu ngemini yokuvunaIsigidimi esinyanisileyo kwabasithumileyo:Siyawubuyisa umphefumlo wenkosi yaso.
14 Úngamafu anomoya, angenamvula,Umntu oqhayisa ngesipho esikhohlisayo.
15 Umlawuli uyarhwebesheka ngokuzeka kade umsindo;Ulwimi oluthambileyo lwaphula ithambo.
16 Ufumené ubusi, yidla obukulingeneyo,Hleze udikwe, ubuhlanze.
17 Malungayi futhi unyawo lwakho endlwini yommelwane wakho,Hleze adikwe nguwe, akuthiye.
18 Sisando, likrele, lutolo olutsolileyo,Indoda engqina ubungqina obubuxoki ngommelwane wayo.
19 Lizinyo eliqhuzukileyo, lunyawo olukrunekileyo,Ukukholosa ngenginingini ngemini yembandezelo.