1 Njengekhephu ehlotyeni, njengemvula ngexa lokuvuna,Lunjalo ukungasifaneli isinyabi uzuko.
2 Njengondlunkulu ekuphapha-phaphazeleni kwakhe, njengenkonjane ekubalekeni kwayo,Kunjalo ukutshabhisa ngaphandle kwesizathu; akuyi kuphumelela ntweni.
3 Iziniya yeyehashe, umkhala ngowe-esile,Intonga yeyomhlana wesinyabi.
4 Musa ukusiphendula isinyabi ngokokumatha kwaso,Hleze usifuze.
5 Siphendule isinyabi ngokokumatha kwaso,Hleze sibe sisilumko kwawaso amehlo.