11 Njengenja ibuyela emhlanzweni wayo,Sinjalo isinyabi ukuphinda ukumatha kwaso.
12 Ùyayibona indoda ilumkile kwawayo amehlo,Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
13 Ivila lithi, Kukho ingonyama endleleni,Kukho ingonyama ezitratweni.
14 Ucango lujinga ezihinjizini* zalo,Linjalo ivila elukhukweni lwalo.
15 Ivila lifaka isandla salo esityeni,Yindiniso ukusibuyisela kwasemlonyeni walo.
16 Ivila lilumkile kwawalo amehloKunabasixhenxe abaphendula ngemvo.
17 Úbamba ngendlebe inja igqitha,Ophuphuma umsindo ngembambano angephambi kwayo.