25 Xa athe walimnandisa ilizwi lakhe, musa ukukholwa nguye;Kuba ngamasikizi asixhenxe entliziyweni yakhe.
26 Intiyo izifihla ngenkohliso;Ububi bayo bozityhila esikhungwini.
27 Omba isihogo weyela kuso;Oqengqa ilitye, libuyela kuye.
28 Ulwimi oluxokayo luyabathiya abatyunyuzwa lulo;Nomlomo ocengacengayo usebenza ububi.