6 Únqumla iinyawo, usela ugonyamelo,Osithuma imicimbi yakhe isinyabi.
7 Nqwa nokulengalenga kwemilenze yesiqhwala,Umzekeliso emlonyeni wesinyabi.
8 Njengokubopha ilitye esisawulweni,Unjalo osinika uzuko isinyabi.
9 Ngameva angene esandleni senxilaUmzekeliso ongene emlonyeni wesinyabi.
10 Okuninzi kuzala into yonke;Ke wona umvuzo wesinyabi, kwanomvuzi waso, bayadlula.
11 Njengenja ibuyela emhlanzweni wayo,Sinjalo isinyabi ukuphinda ukumatha kwaso.
12 Ùyayibona indoda ilumkile kwawayo amehlo,Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.