1 Musa ukuqhayisa ngemini yangomso;Kuba akukwazi okuya kuzalwa yimini.
2 Mawudunyiswe ngomnye, ingabi ngowakho umlomo;Mayibe nguwumbi, ingabi yeyakho imilebe yomlomo.
3 Linzima ilitye, ingumthwalo intlabathi;Ke yona ingqumbo yesimathane inzima kunezo nto zombini.
4 Ubujorha bunobushushu, umsindo sisiphango;Nekhwele, ngubani na onokuma phambi kwalo?
5 Kulungile ukohlwaywa ekuhléniNgaphezu kothando olusitheleyo.