1 Indoda eyohlwaywa futhi, íyenze lukhuni intamo yayo,Iya kuchithakala ngephanyazo, kungabikho kuncedwa.
2 Ekwandeni kwamalungisa bayavuya abantu;Ekulawuleni kongendawo bayagcuma abantu.
3 Indoda ethanda ubulumko ivuyisa uyise;Olikholwane lamahenyukazi uchitha impahla yakhe.
4 Ukumkani ulimisa ilizwe ngesiko;Ke yona indoda erhunywayo iyalibhukuqa.
5 Umfo ocengacenga ummelwane wakheUthiyela iinyawo zakhe ngomnatha.