12 Umlawuli olibazela indlebe ilizwi lobuxoki,Bonke abalungiseleli bakhe bangabangendawo.
13 Ihlwempu nendoda engumxinezeli bayaqubisana;Umkhanyiseli wamehlo abo bobabini nguYehova.
14 Ukumkani ogweba ityala lezisweli ngenyaniso,Itrone yakhe iya kuzinza ngonaphakade.
15 Intonga nesohlwayo sinika ubulumko;Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.
16 Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo;Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.
17 Mqeqeshe unyana wakho, wókuphefumlisa,Awuyolise umphefumlo wakho.
18 Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu;Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!