15 Intonga nesohlwayo sinika ubulumko;Ke yena umntwana oyekelelweyo udanisa unina.
16 Ekwandeni kwabangendawo luyanda ukreqo;Ke wona amalungisa aya kukubona ukuwa kwabo.
17 Mqeqeshe unyana wakho, wókuphefumlisa,Awuyolise umphefumlo wakho.
18 Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu;Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!
19 Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi;Kuba siyaqonda, singakhathali.
20 Ùyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo?Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
21 Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakheUya kwenelwa lukhula ekupheleni.