18 Apho kungekho mbono baba yimiqhathu abantu;Bakuwugcina umyalelo, hayi, uyolo lwabo!
19 Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi;Kuba siyaqonda, singakhathali.
20 Ùyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo?Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
21 Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakheUya kwenelwa lukhula ekupheleni.
22 Indoda enomsindo ixhaya ingxabano;Umntu onobushushu uzele lukreqo.
23 Ikratshi lomntu liya kumthoba;Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.
24 Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe;Uyasiva isishwabulo, angaxeli.