19 Isicaka asiqeqeshwa ngamazwi;Kuba siyaqonda, singakhathali.
20 Ùyayibona indoda engxamileyo ngamazwi ayo?Kukho ithemba ngesinyabi kunayo.
21 Osifekethisayo kwasebuncinaneni isicaka sakheUya kwenelwa lukhula ekupheleni.
22 Indoda enomsindo ixhaya ingxabano;Umntu onobushushu uzele lukreqo.
23 Ikratshi lomntu liya kumthoba;Ke yena omoya uthobekileyo ufumana uzuko.
24 Owahlulelana nesela uthiya umphefumlo wakhe;Uyasiva isishwabulo, angaxeli.
25 Ukugubha ngumntu kunesirhintyelo;Ke yena okholose ngoYehova uya kuphakanyiselwa phezulu.