4 Asiyindawo yokumkani, Lemuweli, asiyindawo yokumkani ukusela iwayini;Asiyindawo yezidwangube ukuthi, Síphi na isiselo esinxilisayo?
5 Hleze basele bakulibale okumiselweyo,Balijike ityala loonyana bonke beentsizi.
6 Isiselo esinxilisayo sinikeni abatshabalalayo,Newayini yinikeni abamphefumlo ukrakra.
7 Mabasele abo, babulibale ubuhlwempu babo,Bangabi sabukhumbula ububi babo.
8 Wuvule umlomo wakho ngenxa yosisidenge,Ngenxa yetyala labo bonke abadlulayo.
9 Vula umlomo wakho, gweba ngobulungisa,Ugwebe ityala lolusizana nolihlwempu.
10 Umfazi onesidima ngubani na ongamfumanayo?Lingaphezulu nakwikorale* ixabiso lakhe.