21 Sibophe entliziyweni yakho okukanye,Usinxibe emqaleni wakho.
22 Ekuhambeni kwakho sókukhapha;Ekulaleni kwakho sókugcina;Ekuvukeni kwakho sóncokola nawe.
23 Ngokuba úsisibane umthetho, silukhanyiso isiyalo;Zinyindlela yobomi izohlwayo eziqeqeshayo;
24 Ukuba ugcínwe kumfazi onobubi,Ekugudeni kolwimi lowolunye uhlanga.
25 Musa ukubukhanuka ubunzwakazi bakhe ngentliziyo yakho,Angàkubambisi ngeenkophe zakhe;
26 Kuba ngenxa yehenyukazi umntu uda adle kuphela intendana yesonka;Umkamntu uzingela umphefumlo onqabileyo.
27 Umntu únokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe,Zingàtshi na iingubo zakhe?