27 Umntu únokuwuthabatha na umlilo ase esifubeni sakhe,Zingàtshi na iingubo zakhe?
28 Únokuhamba na umntu phezu kwamalahle avuthayo,Zingatyabuki na iinyawo zakhe?
29 Únjalo ongena emfazini wommelwane wakhe;Akukho namnye umchukumisayo, oya kuba msulwa.
30 Àlidelwa isela, xa lithe labelaUkwanelisa umphefumlo walo, xa lithe lalamba;
31 Lifunyênwe, lihlawula kasixhenxe,Lirhola bonke ubuncwane bendlu yalo.
32 Okrexeza umfazi ke uswele intliziyo;Owenza loo nto ngumonakalisi womphefumlo wakhe.
33 Ufumanana nobetho nocukucezo,Ungcikivo lwakhe alucimi.