1 Abumemezi na ubulumko?Nengqondo ayilikhuphi na ilizwi layo?
2 Emantloko eendawo eziphezulu ngasendleleni,Ekuhlanganeni kweendlela, buzimisile.
3 Ngasemasangweni, ekuphumeni kuso isixeko,Ekungeneni eminyango, buyamemelela, buthi:
4 Ndimemeza kuni, madoda;Izwi lam ndilisingisa koonyana babantu.
5 Buqondeni ubuqili, ziyatha;Yiqondeni intliziyo, zinyabi.