11 Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale,*Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo.
12 Mna, bulumko, ndakhele ebuqilini;Ndinokukufumana ukuyazi iminkqangiyelo.
13 Ukoyika uYehova kukuthiya into embi:Ikratshi nokukratsha, nendlela embi,Nomlomo onempenduka, ndiwuthiyile.
14 Likum icebo nozimaso;Ndiyingqondo, bobam ubugorha.
15 Ookumkani banobukumkani ngam;Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam.
16 Bathethela ngam abathetheli,Namanene, nabagwebi bonke behlabathi.
17 Abandithandayo ndiyabathanda nam;Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana.