15 Ookumkani banobukumkani ngam;Nezidwangube zimisa ubulungisa ngam.
16 Bathethela ngam abathetheli,Namanene, nabagwebi bonke behlabathi.
17 Abandithandayo ndiyabathanda nam;Nabandifunayo kwakusasa bayandifumana.
18 Bunam ubutyebi nozuko,Ubuncwane obusisimakade nobulungisa.
19 Silungile isiqhamo sam ngaphezu kwegolide embiweyo, nakwengcwengekileyo;Lulungile ungeniselo lwam ngaphezu kwesilivere enyuliweyo.
20 Ndihamba ngomendo wobulungisa,Phakathi kweendlela ezisesikweni;
21 Ukuze abandithandayo ndibadlise ilifa elililo,Ndizizalise izindlu zabo zobuncwane.