25 Ndazalwa kungekafakwa ntaba,Naphambi kweenduli;
26 Engekawenzi umhlaba namaphandle,Nothuli lonke lwelimiweyo.
27 Ekulilungiseni kwakhe izulu, ndandikho apho;Ekubuzungulezeni kwakhe ngomda ubuso bamanzi anzongonzongo;
28 Ekusiqiniseni kwakhe isibhakabhaka phezulu;Ekugalelekeni kwemithombo yamanzi anzongonzongo;
29 Ekulumiseleni kwakhe ulwandle umda walo,Ukuba amanzi angawugqithi umthetho wakhe;Ekuzimiseni kwakhe iziseko zehlabathi:
30 Ndaye ndinaye, ndiyingcibi yomsebenzi,Ndiziyolisa ngokwam iimini ngeemini;Ndidlala phambi kwakhe ixesha lonke,
31 Ndidlala kwelimiweyo ihlabathi lakhe;Nokuziyolisa kwam kukoonyana babantu.