5 Buqondeni ubuqili, ziyatha;Yiqondeni intliziyo, zinyabi.
6 Yivani, kuba ndithetha izinto zobuhlalu,Nokuvula imilebe yomlomo wam kuthe tye.
7 Ngokuba umlomo wam uxela inyaniso;Okungendawo kulisikizi emilebeni yomlomo wam.
8 Yonke intetho yomlomo wam isebulungiseni;Kuyo akukho kubhijeneyo nokujibilizayo.
9 Yonke iphela ithe gca konengqondo,Ithe tye kwabafumene ukwazi.
10 Yamkelani uqeqesho lwam, ningamkeli silivere;Yamkelani ukwazi ngaphezu kwegolide embiweyo, enyuliweyo.
11 Kuba ubulumko bulungile ngaphezu kwekorale,*Neento zonke ezinqwenelwayo azilingani nabo.