9 Akuba etshilo uYesu, wanyuselwa ezulwini, bejongile abafundi bakhe. Lamsitha ilifu, ababa sambona.
10 Besakhangele ukumka kwakhe, bondele esibhakabhakeni apho, nango amadoda amabini, ambethe ezimhlophe, emi ngakubo,
11 abuza athi: “Madoda, maGalili, nimele ntoni apha nikhangele phezulu nje? UYesu lo nimbone enyuselwa ezulwini, uya kubuya kwangolu hlobo nimbone esimka ngalo.”
12 Baza babuyela eJerusalem, bevela entabeni ekuthiwa yeyeMinquma, ekufuphi neJerusalem umgama omalunga nekhilomitha enye.
13 Bakungena esixekweni, banyukela egumbini eliphezulu, apho babehlala khona. YayinguPetros, noYohane, noYakobi, noAndreya; uFilipu noTomas; uBhartolomeyu noMatewu; uYakobi unyana ka-Alifeyu, noSimon iTsha-ntliziyo, kwakunye noJudas unyana kaYakobi.
14 Bonke aba babezingisa ukuthandaza ngamxhelo mnye, kukho namanina, ekho noMariya unina kaYesu nabantakwabo-Yesu.
15 Ngaloo mihla xa babehlangene ndawonye abakholwayo bemalunga nekhulu elinamashumi amabini bebonke, waphakama uPetros, wathi: