1 Ngeli thuba naye ukumkani uHerode wabatshutshisa abathile balo ibandla.
2 Wambulala ngekrele uYakobi umntakwabo-Yohane.
3 Uthe akuqonda ukuba esi senzo siwakholisile amaJuda, waqhubela phambili ngokuvalela uPetros. Le nto yenzeka ngexesha *leSidlo seZonka ezingenaGwele.
4 Akuba ebanjiwe uPetros, wavalelwa entolongweni. Wanikelwa ukuba alindwe ngamajoni angamaqela amane angamane. UHerode wayezimisele ukumsa ematyaleni emva *kwePasika.
5 Waza ke uPetros wagcinwa entolongweni apho, kodwa amaKrestu wona azingisa ukumthandazela kuThixo, lo gama avalelweyo.
6 Ke kaloku uPetros wayelele phakathi kwabalindi ababini, ebotshelelwe kubo ngamatyathanga, kukho nabagadi abalinde isango lentolongo, ngobusuku obuphambi komhla awayeza kusiwa ngawo ematyaleni nguHerode.
7 Ngebhaqo kwabonakala isithunywa seNkosi simi bhuxe apho egumbini lentolongo, kwatsho kwasemini kukukhanya. Samshukumisa uPetros, samvusa sisithi: “Khawuleza, vuka!” Ukubanje sitsho, athi xibilili amatyathanga ezandleni.