10 Babagqitha abalindi bokuqala nabesibini, baza ekugqibeleni bafika kwisango lentsimbi elivulela edolophini. Lavuleka ngokwalo isango, baphuma ke. Bathi besehla ngesitalato sesuka see shwaka isithunywa eso.
11 Akuqabuka ebuthongweni uPetros wathi: “Ngoku ndiyazi ukuba ngenene le nto yinyaniso! INkosi isithumele isithunywa sayo, sandihlangula egunyeni likaHerode, nakuzo zonke izinto amaJuda ebenqwenela ukuzenza kum.”
12 Akuyiqonda le nto yenzekileyo uPetros waya emzini kaMariya, unina kaYohane Marko. Kwakukho abantu abaninzi apho, bethandaza.
13 Wankqonkqoza emnyango, kwaza kwaya intombazana egama linguRoda,
14 eyathi yakuliva ilizwi likaPetros, yasuka yajika ngenxa yovuyo ingamvulelanga, yaya kuxela ukuba nguPetros lo unkqonkqozayo.
15 “Unantoni na? Uyageza!” bamphikisa batsho abo babesendlwini. Kodwa yena wema ekubeni le nto iyinyaniso. Bathi ke bona: “Hayi ke, fan' ukuba sisithunywa sakhe.”
16 UPetros yena waphikelela enkqonkqoza, bada ngelikade bamvulela, bamangaliswa kakhulu bakuqonda ukuba kuthe kanti nguPetros ngenkqu lo.