19 UHerode wathi mabamfune, kodwa abazange bamfumane. Ngoko ke abalindi bancinwa, waza uHerode wagunyazisa ukuba babulawe.Emva kwesi singaneko ke, uHerode wemka kwaJuda, waya kuhlala eKhesariya okwexeshana.
20 UHerode wayengavisisani mpela nabantu baseTire nabaseSidon. Kwakuba njalo bavumelana ngokuthumela igqiza labameli. Lona laqala lavana noBlasto, induna yasebhotwe, laza langena ngaye ukudala imvisiswano. Babecela uxolo kuba ilizwe labo lalixhomekeke kummandla kaHerode ekufumaneni ukudla.
21 Ngosuku olumisiweyo uHerode wavatha ezobukumkani, waza wahlala esihlalweni sakhe apho ebhotwe, wathetha nabantu.
22 “Asimntu, nguThixo lowo uthethayo,” bamemeza batsho abantu.
23 Ngakonje ukuba batsho abantu, isithunywa seNkosi sambetha ngesifo uHerode, ngokuba engamnikanga mbeko uThixo. Wadliwa ziimpethu, wada wafa.
24 Laqhubela phambili ilizwi likaThixo ukunwenwa.
25 UBharnabha noSawule bawugqiba umsebenzi wabo, baza babuya eJerusalem, behamba noYohane Marko.