12 Ke kaloku yona irhuluneli yakuyibona loo nto, yazinikela, imangalisiwe yimfundiso emayela neNkosi.
13 UPawulos nababemphahlile bemka ePafo, bahamba ngenqanawe, baya kufika ePerga yasePamfili. Apha ke wahlukana nabo uYohane Marko, wabuyela eJerusalem.
14 Abanye bona banduluka ePerga, babheka eAntiyokwe yasePisidi. Bathi apho *ngoMhla wokuPhumla baya *kwindlu yesikhungo, bafika bahlala phantsi.
15 Kwathi zakuba zifundiwe izicatshulwa encwadini *yomthetho kaMosis *nezabashumayeli, amagosa endlu yesikhungo athumela ebacela esithi: “Mawethu, khanisiphe kowenu umphako welizwi, ukwenzela ukukhuthaza abantu.”
16 Waphakama uPawulos, wawangawangisa ngesandla, ukuba kuthi cwaka, waza wenjenje ukuthetha: “Mawethu, maSirayeli, nani nina zintlanga zimhlonelayo uThixo, khanibeke iindlebe!
17 UThixo lo unqulwa ngamaSirayeli nguye owanyula ookhokho bethu, wawenza amaSirayeli asisizwe esikhulu ngexesha ayengabaphambukeli kwelaseJiputa. Nguye owawakhupha ngamandla angummangaliso amaSirayeli eJiputa.
18 Wawanyamezela iminyaka emashumi mane entlango.