32 Thina silapha nje, sizise iindaba ezimnandi kuni. Loo nto uThixo wayithembisa ookhokho bethu,
33 uyenzele thina bayinzala yabo, ngokumvusa uYesu. Kunjengoko kubhaliweyo eNdumisweni yesibini, kwathiwa:“ ‘Ungunyana wam wena;namhlanje ndikuzele.’
34 “UThixo wamvusa ekufeni. Ke ngoko akasayi kuze abole. Le nto uyithethe ngala mazwi athi:“ ‘Ndiya kuninika iintsikelelo ezizodwa eziqinisekileyo,endazithembisa uDavide.’
35 “Kwakhona uthi kwenye indawo:“ ‘Akuyi kusiyeka isicaka sakho esithembekileyo sibole.’
36 “Kuba kaloku ngexesha lakhe uDavide wayifeza injongo kaThixo, waza wafa emva koko, wangcwatywa ngakookhokho bakhe, wabola.
37 Kodwa uYesu, evusiwe nje nguThixo, khange abole.
38-39 Yazini niqiniseke xa ninonke, mawethu, ukuba kungoYesu ukushunyayelwa kodaba lokuxolelwa kwezono. Ngokunjalo qondani ukuba wonke umntu ozinikelayo kuye uyakhululwa kuzo zonke izono, obungenako ukumkhulula kuzo *umthetho kaMosis.