31 Bathi abantu bakuyifunda incwadi leyo, bavuya kakhulu ziindaba zayo zenkuthazo.
32 UJudas noSilas, ababengabashumayeli ngokwabo, bathetha ixesha elide namakholwa, bewakhuthaza, bewomeleza.
33 Emva kwexesha belapho bakhululwa ngoxolo ngamakholwa, baza bagoduka. [
34 Kodwa uSilas yena wabona ukuba makasale khona.]
35 UPawulos noBharnabha bona bakhe banexesha belapho eAntiyokwe. Bekunye nabanye balifundisa, balishumayela, ilizwi leNkosi.
36 Ekuhambeni kwexesha wathi uPawulos kuBharnabha: “Makhe sityelele amakholwa kuzo zonke iidolophu apho sasikhe salishumayela khona ilizwi leNkosi, siqonde ukuba aphila njani na.”
37 UBharnabha wafuna ukuba kuhanjwe noYohane Marko,