15 Yabhaptizwa kunye nosapho lwayo. Yaza ke yasimema isithi: “Ukuba nithi ndilikholwa ngenene eNkosini, khanizokuhlala kwam.” Yasithundeza ke ukuba siye.
16 Ngamhla uthile xa sasisiya kwindawo yokuthandaza, sahlangana nentombi eyayilikhoboka. Yayinamafufunyana. Yayibenzela imali eninzi ke abanikaziyo ngokuchazela abantu izinto eziza kubehlela.
17 Yasilandela sinoPawulos, ikhwaza isithi: “La madoda angabakhonzi bakaThixo uPhezukonke. Anishumayeza indlela eningásindiswa ngayo.”
18 Yaqhuba iintsuku ezininzi iyenza le nto, yada yamthukuthezela uPawulos, wajika wathi kuloo moya: “Ngengunya legama likaYesu Krestu ndithi: ‘Phuma kule ntombi.’ ” Aphuma kwangoko amafufunyana.
19 Bakuphawula abanikaziyo ukuba ayisekho indlela yokwenza imali ngale ntombi, babagxavula ooPawulos noSilas, babarhuqela kwinkundla yamatyala eyayisebaleni lembutho.
20 Babamangalela kwabasemagunyeni, besithi: “La madoda angamaJuda, yaye adala isidubedube apha edolophini yethu.
21 Afundisa imikhwa enxamnye nomthetho wethu. Thina singamaRoma, asinakuyamkela loo mikhwa.”