19 Bakuphawula abanikaziyo ukuba ayisekho indlela yokwenza imali ngale ntombi, babagxavula ooPawulos noSilas, babarhuqela kwinkundla yamatyala eyayisebaleni lembutho.
20 Babamangalela kwabasemagunyeni, besithi: “La madoda angamaJuda, yaye adala isidubedube apha edolophini yethu.
21 Afundisa imikhwa enxamnye nomthetho wethu. Thina singamaRoma, asinakuyamkela loo mikhwa.”
22 Nesihlwele sangenelela ekubahlaseleni.Zaza iziphathamandla zathi mazikrazulwe izambatho zikaPawulos noSilas, babethwe nokubethwa.
23 Bakuba bebethwe kanobom, bavalelwa entolongweni. Wayalelwa nojela ukuba abatshixele abagcine ngokunqabileyo.
24 Ewufumene umyalelo lowo, ujela wabatshixela kwelingaphakathi igumbi, wabakhonkxa iinyawo ngezikhuni.
25 Phakathi kobusuku uPawulos noSilas bathandaza bacula bedumisa uThixo, namanye amabanjwa ebeva.